INgxowa-mali yeMali-encinane ye-Apex yinkampani esekwe ngurhulumente ukuze kulungiswe ukuhlupheka nentswela ngqesho ngolungiselelo:
Lofikelelo olufanelekileyo kwiinkonzo zemali
Ukuphuhliswa kwezakhono zeziko nezomxhasi
Ukuhlanganiswa kolondolozo ngomanyano lwamashishini kunye neminye imibutho yemveli efana nemibutho kamasingcwabane kunye nezitokfela.
UMBONO
Ukufaka isandla ekukhuleni koqoqosho kunye nokupheliswa kobuhlwempu eMzantsi Afrika ngokuba ngumlungelelanisi osebenzayo kwiinkonzo zemali encinane.
Ukwakha ishishini lemali encinane elibukhali eMzantsi Afrika.
INJONGO
Kukunika iinkonzo ezinobugcisa nezesiqhelo kumaziko emali encinane ngoku:
Xhaswa kokuphuhliswa kwezakhono kwimibutho engamaqabane kunye nabaxhasi bayo ukuze kube lula ukuthabatha kwabo inxaxheba kwimisebenzi evelisayo yoqoqosho.
Ukuhlanganiswa kolondolozo ngomanyano kunye nolungiselelo lobolekiso ngenkunzi kumanyano lwamashishini kunye namaZiko eNtengo emali (Retail Finance Institutions) (RFI) njengendlela yokunabisa nokwenza nzulu ufikelelo kwiinkonzo zemali kwabo bahluphekileyo kunye nokugudisa iingxaki zabo zemali oko kusenzelwa ubomi obungcono.
INDLELA YOKUSEBENZA
Ingxowa-mali ye-Apex iya kusebenza ngemibutho engamaqabane ukuqhuba imiyalelo yayo ukufikelela kokujoliswe kuko kumgangatho wengingqi okufutshane kangangoko kwiimpembelelo kunye nokufikelela.
Kuhlanganiso lolondolozo ngomanyano akukho ndlela ikhethwayo, endaweni yoko ukuvezwa kokutsha kunye neendlela ezahlukeneyo ezisekelwe kumava ziyakhuthazwa.
IINKONZO ZEMALI EZINIKWAYO
iNgxowa-mali yeMali-mboleko yeKhredithi eNcinane: Le nkqubo inika imali-mboleko eya kuma-R10 000 kwimizi kunye noosomashishini abancinane abaxhomekeke kumashishini abo amancinane ukuze baphile. Le ngxowa-mali ineemveliso ezimbini:
Ikhredithi encinane kuphuhliso lwamashishini amancinane.
Ingxowa-mali yokupheliswa kobuhlwempu kuba xhasi imizi yabo inengeniso ingaphantsi kwe-R1 500. Umbutho oliqabane uya kusebenzisa isixhobo esijolise kubuhlwempu ekuhloleni.
Ukuphuhliswa kwezakhono: Phantsi kwale nkqubo imali inikelwa ukwandisa iziko kunye nokuqinisekisa ukuzinza kwalo ixesha elide.
Ukuhlanganyiswa kolondolozo ngomanyano: Oku kusebenza ekunyuseni kunye nasekukhuthazeni ukudalwa komanyano lwamashishini ngokwezenali kunye nezinye iziseko zolondolozo ngokwemveli ezifana nezitokfela kunye nemibutho kamasingcwabane kubutyebi ebumnini wabo iyingingqi nekwenziwe ngabo utyalo-mali.
UKUKHETHWA KWEMIBUTHO ENGAMAQABANE
i-Apex umsebenzi wayo iwuqhuba ngemibutho engamaqabane eyohlukeneyo, ngoko ke ukhetho lwayo olufanelekileyo lubalulekile kwaye luyaqhubeka. Phantsi kwale nkqubo, i-Apex isebenzisa iintlobo ezahlukeneyo zeMIBUTHO ENGEKHO PHANTSI KUKARHULUMENTE (NGOs) ebhalisiweyo, ii-arhente zoshishino zengingqi, ii-arhente ezizithandelayo kunye noluntu ekufanelekeni isebenzisa indlela yokukhetha
Ekukhetheni umbutho, i-Apex ilandela imigaqo enokwahlulwa ngale mimandla ilandelayo: umbutho, umququzeleli, ulawulo, uphatho, izibonelelo zabasebenzi, ummandla wokusebenza, imisebenzi yendawo, ukusebenza kwangaphambili, iinkqubo zolawulo lolwazi, iinkqubo zocwangciso-mali.
INombolo yomNxeba: 012-394 1796 / 012-394 1805
IFeksi: 012-394-2796 / 012-394 2799
IDilesi:
